Nathi - Ezweni текст песни

Текст песни Ezweni - Nathi



Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' intsente
Kudala ndibon' izinto
Sekulithuba ndiphansi kwelanga
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' instente
Kudala ndibon' izinto
Amehlo wam alubonil' usizi
Nqanda mhlekazi
Ubudis' amacango ngoko
Kubhidanis' ukuthetha kwabo
Ndicel' ukubenza bangavani
Kuba ndibona ngonyamelo
Kunye nesidubedube
Mini nobusuku ujikelezana neendonga
Seziyaphuphumala
Ubugwaja nobutshijolo
Nakwiindawo zemfutho
Bahleli ngengcindezelo
Nobukrelemnqa
Buhlel' ezingqondweni zabo
Hayi, andinanto kwenza mna namamenemene
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' intsente
Kudala ndibon' izinto
Sekulithuba ndiphansi kwelanga
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' instente
Kudala ndibon' izinto
Amehlo wam alubonil' usizi
Zahlekisa ngam zonk' intshaba zam
Zazisithi kum "uyakufa nini na
Kakad' ungabi sakhunjulwa?"
Nakba beze kundivelela
Ndyabazi nabo ngokungand'nced'
Belapha nje bazoqokelel' indaba zam
Bazohamba beyisasaza intlebendwane
Uzova besithi "Akasobe abe savuka
Asikuko, sekebuthwa njenge nkunkuma"
Nditsho neqabane lam selindijikele
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' intsente
Kudala ndibon' izinto
Sekulithuba ndiphansi kwelanga
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' instente
Kudala ndibon' izinto
Amehlo wam alubonil' usizi
Hayi andizange
Hayi andizange
Hayi andizange
Ndibon' intw' enjena
Hayi andizange
Hayi andizange
Hayi andizange
Ndibon' intw' enjena
Ngoba...
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcweli' intsente
Kudala ndibon' izinto
Amehlo wam alubonil' usizi
Kudala ndilaph' ezweni
Iinyawo zam zide zigcwel' instente
Kudala ndibon' izinto
Amehlo wam alubonil' usizi



Авторы: Jaziel Brothers, Nathi


Nathi - Buyelekhaya
Альбом Buyelekhaya
дата релиза
10-03-2015




Внимание! Не стесняйтесь оставлять отзывы.