Ringo - Mehlo Am текст песни

Текст песни Mehlo Am - Ringo



Ye ntombi, ntombazana
Ndicel' ume apho, ndikukhaphe
Unabani, uhamba nobani?
Ngoba andizange ndayibona
Intomb' entle kangaka
Awu mehlo am, yintoni le ndiyibonayo?
Ukumil' okunje kuvela phi na?
Ubuhle obunje ingaba busekhona?
Ungadlali ngam mehlo am
Mamela sisi wam
Ye ntombi, ntombazana
Ndcel' ume apho, ndikukhaphe
Unabani, uhamba nobani?
Ngoba andizange ndayibona
Intomb' entle kangaka
We nobuhle, andikholelwa
Kuthen' uhamba wedwa?
Noba nje liphupha lam?
Yitsho nje intw' enye ndizayenza
Ndakuyek' ukuphefumla uba uyafuna
Yitsho nje! Oh yitsho ntombi
Amehlw' anobuthongo, jonga pha
Ilizw' elimyoli, yiva pha
Izithw'e ezihle kangaka, khawubuke pha
Limanz' andonga, bhelukazi
×3
Ye ntombi, ntombazana
Ndcel' ume apho, ndikukhaphe
Unabani, uhamba nobani?
Ngoba andizange ndayibona
Intomb' entle kangaka



Авторы: Madlingozi Ringo, Harold Wynkwardt


Ringo - Qhubeka...
Альбом Qhubeka...
дата релиза
17-04-2009




Внимание! Не стесняйтесь оставлять отзывы.